Call now: 0861 465 879

AmaGqwetha E-DSC: Oko Singakwenzela Kona

Kusoloko kulula ukunxibelelana nathi ngolwimi lwakho. KumaGqwetha aseDSC, samkela abantu abantetho isisiXhosa kwaye sinentaphane yeetoliki zesiXhosa kubasebenzi bethu.

Ishishini lethu, eliseKapa, lisingatha amabango okwenzakala kwakho siqu namabango eengozi zasezindleleni kulo lonke eloMzantsi Afrika.

Kutheni umele usitsalele?

Ayikho into eyodlula ukuba noncedo lwengcali yezomthetho emva kokuba uye wenzakala okanye umntu onondlayo kusapho lwakho eye wasweleka ngenxa yokungakhathali komnye umntu.

Ukuba udinga ukwenza ibango lezomthetho ukuze ufumane imbuyekezo ekufaneleyo, ungatsalela iDSC Attorneys ukuze ufumane ukumelwa okusemgangathweni, okwenziwa ngenkathalo novelwano.

I-DSC Attorneys yenye yeengcaphephe ezitshotsh’ entla kweli lizwe kumenzakalo wobuqu.

Amagqwetha ethu ziingcungela kumthetho womenzekalo wobuqu. Abasebenzi abasebenza apha baquka iingcali zezomthetho wezamayeza noomakhwekhwetha bamagqwetha abagqwesileyo ngamava okusingatha amabango eengozi zasezindleleni – sinawo namagqwetha awayephangela kwiSouth African Road Accident Fund.

Into omele uyenze xa udinga uncedo lwezomthetho

Tsalela nje u-086 146 5879 okanye ucofe u-contact us kwi-intanethi usazise ngeenkcukacha zengozi nomenzakalo onawo. Emva koko ingcaphephe yegqwetha lomenzakalo wobuqu liza kuhlolisisa ibango lakho lize lijonge nokuba mangakanani amathuba okuba liphumelele. Bonke abantu esibancedayo sibanika uthethathethwano lokuqala simahla.

Ukuba unebango lomenzakalo wobuqu, singakumela ngokwezomthetho ngoko nangoko – kwaye sisebenza ngento ethi “no win, no pay” (xa singaphumelelanga, awuhlawuli). Oko kuthetha ukuba akuzi kufuneka ukhathazeke ngeentlawulo zezomthetho ngaphandle kokuba ibango lakho liyaphumelela.

?
Ndinalo ibango?

Ukuba unebango lomenzakalo wobuqu, singakumela ngokwezomthetho ngoko nangoko – kwaye sisebenza ngento ethi “no win, no pay” (xa singaphumelelanga, awuhlawuli).

Bona ukuba unalo ibango na?

    Imfihlo yakho ibalulekile kakhulu kuthi. Nxa usebenzisa le fomu uyavuma, kwaye usinika imvume yokuqhubekeka nencukacha zakho. Nceda ubone umgaqo nqubo wethu wabucala nolwazi oluthe vetshe.