Call now: 0861 465 879

Amabango Omenzekalo Wobuqu

Ukuba uye wenzakala ngenxa yokungakhathali komntu othile, unganalo ibango lomenzakalo wobuqu. Oku kuthetha ukuba ungafaka ibango lokubuyekezwa nguloo mntu okanye loo nkampani enoxanduva laloo menzakalo onawo.

Kwibango lomenzakalo wobuqu, unganikwa imali yokuhlawulela:

  • iindleko zasezibhedlele nezamayeza osele uzibhatele noseza kuzibhatala ngenxa yomenzakalo onawo

  • imali yomrholo osele noseza kuphulukana nayo ngenxa yomenzakalo

  • umonakalo jikelele weengqaqambo nokubandezeleka.

Kwakhona unganebango lomenzakalo wobuqu ukuba umntu onondlayo kusapho lwakho uye wasweleka ngenxa yokungakhathali komnye umntu.

?
Ndinalo ibango?

Ukuba unebango lomenzakalo wobuqu, singakumela ngokwezomthetho ngoko nangoko – kwaye sisebenza ngento ethi “no win, no pay” (xa singaphumelelanga, awuhlawuli).

Bona ukuba unalo ibango na?

    Imfihlo yakho ibalulekile kakhulu kuthi. Nxa usebenzisa le fomu uyavuma, kwaye usinika imvume yokuqhubekeka nencukacha zakho. Nceda ubone umgaqo nqubo wethu wabucala nolwazi oluthe vetshe.